IGAMA ELIHLE KANGAKA

IGAMA ELIHLE KANGAKA

IVESI 1:

WawunguLizwi kwasekuqaleni
Umnye noThixo iNkos’ eNkulu
Uzuko Lwakho lwafihlw’ endalweni
Ngoku luthyilwe Kuwe Krestu wethu


IKHORASI 1:

Igama elihle kangaka
Igama elihle kangaka
Igama lika Yesu Nkosi yam
Igam elihle kangaka
A’kho nto inofaniswa nalo
Igama elihle kangaka
Igama lika Yesu


IVESI 2:

Wawungal’funi izulu ngaphandle kwethu
Yesu walizis’ izulu emhlabeni
Uthando Lwakho lukhulu ngaphezu kwesono sam
Ngoku yintoni eno’sohlukanisa


IKHORASI 2:

Igam’ elingumangaliso
Igam’ elingumangaliso
Igama lika Yesu Nkosi yam
Igam’ elingumangaliso
A’kho nto inofaniswa nalo
Igam’ elingumangaliso
Igama lika Yesu
Igam’ elingumangaliso
Igama lika Yesu


UKUNYUKA:

Ukufa akuk’bambhanga
Ikhuselo lakrazuka
Whathulis’ ukuqhayisa kwesono nethuna
Amazul’ ayagquma
Yindumiso yozuko Lwakho
Ngoba wavuselwa ebomini kwakhona

Awunamchasi
Awunantanga
Ulawula ngoku nangonaphakade
Ubukumkani boBakho
Uzuko loLwakho
Igama el‘ngaphezu kwamany’ amagama


IKHORASI 3:

Igama elinamandla
Igama elinamandla
Igama lika Yesu Nkosi yam
Igama linamandla
Akho nto ino’melana nalo
Igama elinamandla
Igama lika Yesu


ITHEGI:

Igama elinamandla
Igama lika Yesu
Igama elinamandla
Igama lika Yesu

View full details
  • Umtoliko ovumelekileyo WesiXhosa:

    What A Beautiful Name

  • CCLI:

    7109221

  • © 2016

    Hillsong Music Publishing Australia

  • Umculo Namazwi Engoma ka:

    Ben Fielding and Brooke Ligertwood

  • Abatoliki Bengoma:

    Nwabisa Mbelekane and Unathi B. Guma